Naku ke okubonwe ngamehio - utata kaNonhle Nqoodo uDaniel ephetheibhotile enemah nezinye izinto ekuthiwa uNonhie (onxibe ibhatyi embat uqanda). Etafileni ziileta ezinemiyalelo ethanda ukuphazamisa.
lfoto zifunyenwe kWIPHEPHANDABA ILANGA
inyembezi eziyimali.
emagqirheni kuba abakholelwa
kuwo.
Sokuze silahl inkolo yethu.
Asisokuze sifune uncedo kumaxhwele, utshilo uNozipho Nqondo.
AbakwaNyawose nabo bathi bangamaKrestu bakwasebenzise abathandazeli ekukhupheni imimoya emdaka abanenkolo yokuba ingene kumntwana wabo. Amalungu ecawa yabo kwanawezinye iinkonzo kule ngingqi akwacele ukuthandazela uNokulunga.
Bathandazile abadinwa ekuncedeni bakhuphe lo mtyholi ukhathaza umntwana wethu kwezi nyanga zimbini zidlulayo, utshilo umakazi kaNokulunga uMakhosazana oye wakho xa yayikhutshwa.
Uthe: Akukho nto eya kutshintsha indlela esikholelwa ngayo kuThixo. Sinenkolo yokuba siwoyisile umoya ombi.
Kodwa iinkathazo kuNokulunga nabakowabo aziphelele.apho. Wayekiswa esikolweni kwakukrokrelwa ukuba oku

52 BONA XHOSA - February 2000
kunokuphazamisa abanye afunda nabo. Abaphathi besikolo baxhalela nokuba kungakho iinkathazo xa uNokulunga eqalisa ukukhupha imali nezinye izinto emehlweni.
Oku kugula kukaNokulunga kumbangele akazibhala iimviwo zokuphela konyaka. Kulo nyaka abakowabo baceba ukumsa kwisikolo ekubhodwa kuso, apho banethemba lokuba uya kukwazi ukuqhubeka kakuhle nezifundo zakhe. UMakhosazana Nyawose uthi usapho lutshise Ioo mali iliphepha neeleta baza ezinye izinto ezifana neefolokhwe neenkcakuba neentsimbi zomqala eziphume kuNokulunga bazingcwaba.
UNokulunga ubukeka ephilile ngoku kwaye uqalise ukudlala nabanye abantwana kwakhona, utshilo umakazi wakhe.
Kodwa sisekho isisongelo. Bathi xa babekhupha le ndimoni benomthandazeli, uNokulunga wakhupha iileta ezimbini ezifundeka ngokuthi Nisijwayela kabi, siyabuya.
Ukanti ke okunye okungekuko okwemvelo luphazamiseko olwenziwa kolu sapho ngabantu abathi baza kumxhwitha uNokutunga ukuze abancede bafumane imali bangcakaze.
Xa iintsapho zakwaNyawose nakwaNqondo zizama ukuphila njengamntu wonke abazali kule iokishi bayazikrokrela benoloyiko lokuba nabantwana babo kusenokwenzeka bahlaselwe yile moko kaNonhie noNokulunga.

p
.,
-
-1
-
.
Okuthethwa ziingcali
Okwenzeka kwezi ntwazana akuphazamisanga uluntu lwaseMlazi kuphela nkqu noogqirha abayazi imbangi yesi sifo.
Oogqirha abaninzi kuthethwe nabo malunga nesi simanga kodwa uxilongisiso abalwenzileyo luze nembunde yesikhova. lbali laba bantwana babini ludida nkqu oogqirha bengqondo nabamehlo...
	liGqirha Arvin Bhana osisazi-nzulu ngengqondo nokwiYunivesithi iDurbun Westville uthi: Abantu abanakukhala imali - oko akunakwenzeka. Ngokwendlela endibona ngayo bangoonobugqi kuba ukukhala imali akunakwenzeka.
	UCqriha Kevin Naidoo ongugqirha wamehlo nokwangumhlohli kwiVunivesiii iDurhun-Westville uthi akazange eve ngayo nantoni na enjengokuKhala imali.
Eli libali elingaqhelekanga nelingakholeleki kuba embalini akuzange kubekho umntu owakhe wakhala imali.
	lxhwele lodumo nelizinze KwaZulu Natal uSosobala Mbatha unenkolo yokuba amuxhwele kufuneka aphathaphathe ezi ntwazana kuba oogqirha abunakuze banyanga esi sifo.
Kufuneka beze naba bantwuna upho ndihlula khona ukuze ndizume ukufumanu imbangi nentsusa yaku. Kuyabonakala ukuba bathukathiwe. Akukho mntu unokukhupha imali emehlweni.
Amaxhwele kufuneka anyange isifo sabo kuba oogqirha ubuzi nlo ngokuthukathwa. Ndidimazekile ndakuva ukuba kolu sapho akakho okholelwa kumaxhwele kuba mna ndifuna ukubanceda uba bantwana.
Ezomculo1
kubalisa ULINDA MANYONI
BUM BUM - Penny Penny (CCP Records)
Le ICD yeyenye mvumi yodumo uPenny Penny obonisa ngemvelaphi yakhe yesiShangani. lngoma ethakwe okwesiPhuthukezi ithandwa kakhulu ngabajuxuzi kuyo yonke le sizini. Enye nayo ekho kule CD ithi Maporisa. ethi Udoimane okanye ethi Ugolide. Elo lizwi likaPenny Peny longeza umgqumo omnandi walo mculo 9omnandi wesishangana.
Ethi GHETTO 2000 - Chiskop iChiskop kumel ukuba ivuyiswe ligaloelo layo ekuncedeni ulutsha. mnandi ikwaito yayo kuba ngoma ngaye kweli cwecwe inomyalelo owakhayo ojoliswe kulutsha. Ethi BOyaphi ithandabuza indlela aziphathe ngayo amakhwenkwe rxilokishini kwanokubandakanyeka kwao kulwaphulo-mthetho. Eli cwecwe limnandi !ithandwe ngabcininzi ebudeni beeholide kungasathethwa ke ngeengoma enjengale ethi Ramparampa nethi Ba-Ba-Ba (Hayi Sendanele). Zifumanele le CD uve 10 myalezo!
Ethi FRESH HOUSE FLAVA - DJ Fresh Linako konke okwehouse music njengale ethi New Sound yeReturn. ethi Sangue De Beirona kaCesciria Evora, uThato Fresh Sikwane WeYFM ubangele ukuba le house music ibe yimfuneko kubathandi bayo. Xa unalo eli cwecwe uza konwaba kanobom emzin akho.
Ethi SIBALI - Rodoboc 99 (EMI)
Eli cwecqwe lamvanje elikhutshwe nguRobbie Malinga noDoc Shebeleza laziwa kakuhle ngokuthi Robodoc. Ezinye iingomci ezimnandi neziqukwe kuyo yethi Hambolala nethi We Fear Fokol. UMalinga noShebeleza babonisile ukuba babcilasele ekubhaleni ncisekuprodyuseni iingoma ezinjengale ethi Ziyawa-la nethi uDakiwe.
Ethi SIDUDLA - Joe Mafela UJoe kofuneka avele anamathele kumsebenzi wakhe kwiTV ayeke ukube ezikhathaza ngokucula - hayi ulunge kakuhle ekuhlekiseni hayi ekuculeni. Noko akalenzanga igalelo kweli cwecwe endaweni yoko uze neengoma zakudala ezinjengale yayidume
54 BONA XHOSA - February 2000
emtshatweni, ethi izembe, ethi Amajuba nethi Congo. lprodyusa uChicco Twala uzamile noko ukufaka okumnandi.

Ethi YEKUERUSALEMA -Avante
lcwecwe elikhutswa y8iAvante lamvanje libalaselisa umculo wegospile.
kangangokuba ungaphazama uthi ezinye zezi ngoma zezedisko. Eli qela lamalungu amahlanu lisluka Kwa-Mashu libonisa ukuba noko livuthiwe ukanti linegunya kweli cwecwe. Ezinye iingoma ezimnandi kweli cwecwe yethi Akekho, ethi ngingumfokazi. ethi Somandla nethi We Know. Ezi ngoma zimnandi kangangokuba ungaphants uthi uphhulaphule eyona milonji yodumo.

Ethi BRiNG IT HOME:
ROAD TO THE
 WORLD CUP
99 - Various artists Amabhokobhoko atsho phantsi malunga nokuza eriendebe kweli emva kokutywatyushwa kanobom yiWallabies kodwa lona eli cwecwe liseza nolonwabo esaluvuyela xa bangena kwiPubgy World Cup. Ezi mvumi zibe negalelo kweli cwecwe zisinceda sibe nethemba lokuba Springboks iza
kuphumelela.
Akulahlw imbeleko ngakufelwal
Ungakhathazeki eli cwecwe
unokulinandipha
mhlawumbi likuvuyise likukhumbuza ngezo mini xa uMzantsi Afrika wawunik inkxaso kweli qela.

Ethi KWAiTO IN THE MiX
VOL. 1 - DJ Siyanda Abasasazi bayakuvuyela ukuqulunqa iingoma abaza kuzidlala unjalo ke noDJ Siyanda. EJi tyendyana laseThekweni likubangela ukonwabele ukuphulaphula umculo kokubini owamandulo nomtsha kweli cwecwe lakhe lineengoma ezili-14.

Ethi PHINDA WEHLE
MOYA - Trust ln Christ Ukhukholelwa kuKrestu ngumyalezo wabo nengoma eliqala ngayo ethu Umvuzo ikugabulel izigcawu kwiingoma ezimnandi zegospile. Ethi lyabulala lAids ikukhumbuza ngeengozi zeAids. lingoma ezinjengale ethi Kwasa Kimi, ethi Asiye Ekhaya nethi Halleluya zitsho ngezona ngoma zimnandi zeli qela legospile. 
sityele uDaniel
5t3 BONAXHOSA-
february 2000
Laduma!
Naye ngenkqu wothuswa kukuba abe ngoyena mfaki manqaku ubalaseleyo kWiPSL kwisizini ephelayo emva kokusebenzisa indlela yakhe yokudlala kule minyaka emibini, umfaki-manqaku weSundowns uDaniel Mudau uzimisele ukuqhubeka nendlela yakhe yokuphumelela xa engaphakathi naxa engaphandle ebaleni
kubalisa uBONGANI KA LUKHELE
kufote uMUSA HLABANE

S
 IDE safike eNellmapius
ekulihlomela-dolophu elizolileyo kwiMpuma yePitoli xa ixesha lingu-4.45
kusasa. Le ndawo izolile wonke umntu ebebukeka esalele obentlombe. Endaweni yokuba sibe singxola ngehutha sigqibe ngokulinda ngaphandle kuba isango belivaliwe. Imizuzu elishumi kamva umntu ebesimndwendwele uthe gqi. Umdlali obalaseleyo kwiMamelodi Sundowns uDaniel Mambush Mudau uze ebuqhwalela nanyathelo ngalinye liphela Iihlekisa ekusondelenikwakheesangweni.sajongana.Kumukubawenzakalaxbabedatya olwandulelwa le 
. Mambush Mudau
lesiqhelo ukuze ndiyokulanda umama eMamelodi ndimse eSoweto apho esinye sezalamane zethu sibulewe ngenkohlakalo mvanje, utshilo uMudau phambi kokuba athi usayokutshintsha akunxibileyo.
Ama-40 emizuzu kamva ungene enxibe okubala librown. Uthe akuvula ucango lwegaraji waphawula ukuba ingcolile imoto yakhe iBMW 328i Cabriolet ebisetyenziswa yinkosikazi yakhe ngezolo. Ukhalaze wathi noko umam ekhaya akangomntu uthanda ukuhlamba imoto waza eqhula wathi ukuba amapolisa endlela ebengakhe akhuphe amatitiki ahlawulisa abaqhubi abanemoto ezimdaka, ebengamaninzi akaEsther.
incoko yethu ihambe yaya kuthi xhaxhe kwibhola ekhatywayo. UMudau uvumile ukuba noko akafakanga manqaku maninzi ngenxa yokukruneka.
Ndikwazile ukuwafaka kathandathu kwimidlalo yeligi kule sizini. Kodwa ndiyathemba ukuba kumjikelo wesibini weligi maninzi endiza kuwafaka.
Kwalile ngeye-7 kusasa sahamba eMamelodi. lngoma ethi Stomp kakirk Franklin and the New Nation idume kakuhle kwizpika ezinamandla. Nathi sithelele, sangqisha salinganisa. Kuthe kwakuthi cwaka ndambuza ngobomi bakhe kwezonqulo.
Ndiyaya enkonzweni. Ndililungu leRhema Church ese'Randburg naxa ukubandakanyeka kwam kwibhola ekhatywayo kuvuma ndiqinisekisa ukuba ndiyaya enkonzweni. ku sekuyinto yesibini kuthi njengosapho ukuthandaza xa sivuka nokubulela uthixo ngokusikhusela ubusuku bonke ukanti sikwacela ubulumko nokhokelo lwakhe kwimini entsha esingena kuyo.
Ndandithanda ukuthandaza kuphela xa ndigaxeleka ezingxakini ebomini kodwa xa ndaqonda ukuba ukukhumbula uYesu uMsindisi xa usengxakini akuyishenxisi ingxaki, ndagqiba ngokuba intliziyo yam ndiyinikele kuye. Kungokunje ndonwabile. Ndiyawuphulaphula umculo wegospile kodwa ndithanda ukuphulaphula nokudanisa kwikwaito emnandi, utshito uDaniel.
Kuthe ngeye-7:20 kusasa safika eMamelodi noMudau wasazisa kunina uMaria, umshana wakhe uNthabiseng nobaninawa bakhe uTimothy, uPhenias noWilliam olandela ekhondweni lakhe edlala kwiqela iSpartak elikwifigi yeMTN.
Ndikhulele kwezi meko zobomi zingathandeki. Ndanditshaya ndisela kakhulu kunye nabahlobo bam kodwa ndiyeke ngo-1 993 xa ndaqonda ukuba abantu bandibona ndingumzekelo omhle nendlefa endiziphatha ngayo mayibe ngumzekelo. Ndikwafunde nokuphila ubomi obusempilweni kuba utywala necuba buchaphazele ubomi bam, utshilo uDaniel xa sityhutyhatyhutyha eSoweto.
Unina usixelele ukuba uneqhayiya ngokwenziwa ngunyana wakhe enqwenela ukuba bonke oonyana bakhe bafana naye.
UMudau ebuhlungu uthe: Kulusizi ukuba utata abe akaphili ngoku ukuze abone indlela endiphumelela ngayo kwibhola ekhatywayo. Noko
5.5Oam lnkosikazi yam iyakuthanda ukuqhuba imoto kodwa kunzima ukuba ayihlambe! utshilo uMudau ehlamba arnavili ayo ebukeka eqhankqalaza.


7.32am Encumi!e. UDaniel ekuFiye nabantakwabo uTimothy, uphineas noWilliam, unina uMaria nomtshana wakhe uNthabiseng kowabo apho akhulefa khona.
BONA XHOSA - February 2000 57
